Description
Esi siKhokelo sikaTitshala sihamba nenoveli, Uphuziwe uWhitney,ngokupapashwa nguVoices of Afrika. Le noveli, Uphuziwe uWhitney, ingebali elilungiselelwe abafundi abakwiBanga 6 ukuya kwele 10, injongo ephambili kukuncedisa ukuthintela i-HIV/AIDS.
Le noveli izithethelela ngamandla kwaye kufuneka okokuqala abafundi bakhuthazwe ukuba bathathe ixesha labo ukuyifunda, ukusuka kwiphepha lokuqala ukuya kwelokugqibela. Xa kujoliswa kwimfundo yabalingane, abafundi baya kufumanisa kulula ukuziqhelanisa nayo kwaye baya kufumana ucelo-mngeni kwanokuvuseleleka ngabalinganiswa abakule ncwadi. Kanti ke, abafundi bakho nabo banganakho ukuxhamla lukhulu kwiingxoxo zeklasi, nemisetyenzana eya kukhuthaza ukucinga okunzulu ngokwenza izigqibo. Esi siKhokelo sikaTitshala siyilwe ngobuchule ukuncedisana nawe ngeengcamango ezithile.
Le noveli ithi, Uphuziwe uWhitney ingasetyenziswa njengencwadi yokufunda kwiiNkalo zokuFunda ezifana neziFundo zoBomi kunye nezoLwimi. Le ncwadi ijonge ukuphuhlisa nokuphumeza ezi ziphumo zilandelayo zingundoqo nezakhayo ze-OBE, nezingqamene neNkcazelo yeKharityhulam yeSizwe ehlaziyiweyo:
· Le ncwadi ikhuthaza ukucinga nzulu nokwenza izigqibo, ngakumbi ezinxulumene neempawu zentsulungeko. Le ke yenye yemixholo engundoqo yale ncwadi kwaye iphunyezwa ngokuveliswa kweempawu zentsulungeko ezichaseneyo kunye nemifuziselo yeendlela zokuziphatha eziqulathwe sisakhiwo sebali. Abafundi baya kuzifumana benyanzelekile ukuba benze uphononongo lokuba bayavumelana na okanye abavumelani nomba othile, kwaye bazifanise nabalinganiswa abahlukeneyo kule ncwadi, kunye namacala achaseneyo empixano kwisakhiwo sebali.
· Le ncwadi, Uphuziwe uWhitney inceda umfundi ekuqondeni uthungelwano lweenkqubo kunye neengxaki kwilizwe lomntu
oselula lasesikolweni, ekhaya nasekuhlaleni. Le ncwadi imcacisela ngokuphandle umfundi ukuba iingxaki nezisombululo ezingqamene ne-HIV ne-AIDS azingabo oozimele-geqe.
· Le ncwadi ineqela labalinganiswa abaneenkcubeko ngeenkcubeko kwaye ijonge ukukhulisa ulwazi olumalunga neenkcubeko kunye nobuntununtunu (sensitivity), lo gama izama ukugcina ukufaneleka kwezinto.
· Nangona oku ingenguwo owona mxholo wale ncwadi, Uphuziwe uWhitney ulubonisa ngendlela eyakhayo nevuselelayo uqeqesho lobutitshala apho ke kuthi kukhuliswe khona uphononongo lwabafundi malunga nolu qeqesho njengethuba lekhariye eliphakamileyo nelinokuba lulutho.
Le ncwadi,Uphuziwe uWhitney ijonge ukuphuhlisa nokuphumeza ezi ziphumo zokufunda zilandelayo kwiNkalo yeziFundo ngeeLwimi, kulwimi ngalunye efumaneka ngalo le ncwadi. (Le noveli yenzelwe umgangatho woLwimi lokuQala oLongezelelweyo okanye umgangatho woLwimi lwaseKhaya, kuxhomekeke kwiBanga nobudala babafundi):
· Le ncwadi ityebile ngakwicala lengxoxo nakwisigama, kwaye inokusetyenziswa ngeendlela ngeendlela ezahlukeneyo ukuphumeza uhlanganiso lwazo zonke iziphumo zokufunda ezithandathu, esokuphulaphula, sokuthetha, sokufunda nokulolonga, sokubhala, sokucinga nokuqiqa, nezakhiwo zolwimi nokusetyenziswa kwazo.
· Uphuziwe uWhitney uluphuhlisa ngamandla uhlanganiso lweempawu zentsulungeko kufundo lolwimi. Itekisi iqulethe iimpawu zentsulungeko ezakhayo kwanezo zingakhiyo, kwaye ikhuthaza abafundi ekuzicazululeni ize izichase ezo mpawu
zentsulungeko zingakhiyo.
Uphuziwe uWhitney, ujonge ukuphuhlisa nokuphumeza ezi ziphumo zokufunda zilandelayo kwiNkalo yeziFundo ngezoBomi:
· Uphuhliso kwezempilo: Itekisi ichaphazela iingxaki zasentlalweni nezizezomntu buqu ezingqamene neendlela
zokuphila abazikhethela zona abantu kunye neendlela zokuziphatha ezibeka ubomi babo emngciphekweni, ingakumbi ngokubhekiselele kwi-HIV/AIDS. Uhlanganiso nokusetyenziswa nzulu kweempawu zentsulungeko ngumfundi. Iindlela zokuziphatha neendlela zokuphila azikhethela zona umfundi ezithe zaphuhliswa kule ncwadi, ziya kuba nempembelelo eyakhayo empilweni, kubomi obunexabiso nendlela ayiyo umfundi.
· Uphuhliso kwezentlalo: njengoko sele kukhankanyiwe apha ngasentla, iqela labalinganiswa beenkcubeko ngeenkcubeko, bale ncwadi kunye nemeko-bume, zijonge ukuphuhlisa ukwazana nokuhlonelana phakathi kweenkcubeko ezahlukeneyo kwimeko-bume yoMzantsi Afrika.
· Ukuziphuhlisa: Uphuziwe uWhitney ujonge ukuxhobisa abafundi ngezakhono zobomi ezifunekayo kunye nokuthelekelela indlela abanokusabela ngayo ngokufezekileyo kucelo-mngeni oluza ne-HIV/AIDS.
· Ukuqhelaniswa neLizwe lomSebenzi: Nceda ujonge kulo mba ukhankanyiweyo apha ngasentla ngokuphathelele kumfanekiso esiwuzotyelwa yincwadi malunga noqeqesho lobutitshala.
Reviews
There are no reviews yet.