Description
Zlphuziwe Isisu sikaWhitney ngelo xesha sasingathi siyayaluzela, nokuphefumla oku sele ephemfumlela phezulu. Ngaba I0 mfo wayeceba ntoni bethu? Yena wayesilsha ziintambo efuna ukuphuzwa wayengazange wakhe waphuzwa yinkwenkwe ngczphambili. Wabe ke nalo Lucky wayengumfo onomkhitha kakhulu, ethandwa kakhulu. Yayimonwabisa kakhulu ke into yokubonwa naye, neyokufunwa nguye ngokunjalo. Wathula nje akathetha, elindele ukubona ukubayintoni na enye aza kuyenza Ukuphuzwa kwakhe okokuqala yinto angasoze ayilibale uWhitney.
Ukungazi kobuntwana kudedele isilongolongo somlilo Wobutsha ukuthandana, imihlali nokuthi ncithi. Yonke le nto ikhangeleka iyinto efanelekileyo kuye, kodwa ke utitshalakazi Wakhe amthanda kakhulu, uNkskz Pillay, umlumkisa ngelithi ubumnandi bobutsha buye buthi kanti bugqume incind’ ekhala. Kuthi kungekudala uWhitney oseneminyaka elishumi elinesithathu nje ayingcamle le ncindi yekhala intlungu yokuswelekelwa, inxeba lokungcatshwa nobukrakra bokubukulwa. Ububona ngawakhe amehlo ubukho be-HIV nobe-AIDS, aze ke azifumane ekwimeko apho kufuneka ukuba athathe izigqibo ezinzima nezibujikayo ubomi bomntu.
Eli bali likaWhitney lichukumisa kunene lisekelwe kwilokishi yaseThembalethu eNtsh0na Koloni lisizobela umfanekiso othe gca Weemeko elujongene nazo ulutsha lweAfrika eseZantsi umhla nezolo. Uhambo lwakhe luhambo ekufuneka ukuba sonke siluthathe uhambo lokuzibhenca ngaphakathi emphefumlweni, ekuthi kulo kufuneke sithathe izigqibo rnalunga nezo zinto zibalulekileyo kuthi nezo mpawu zentsulungeko sinqwenela ukuphila ngazo.
Ootitshala bangayisebenzisa le ncwadi, Uphuziwe uWhitney, nj engenxenye yephulo lokufunda nge-HIV/AIDS nokuyithintela. Umyalezo Wale noveli Wethemba, ukuqonda nokuthintela, ugqithiswa ngokucacileyo nangokuchukumisayo kwabo bangabona basemngciphekweni Wokuba ngamaxhoba kabhubhani We-AIDS ulutsha lwethu.
Reviews
There are no reviews yet.